ABAHLOHLI ABANE BAPHEHLELELE IINCWADI ZOBUGCISA EZINE
FUNDA EYESINGESI - FOUR WSU ACADEMICS PUBLISHED FOUR CREATIVE WRITING BOOKS
Ngabaxelengi abane kwiFakhalthi yezoMthetho, ezoLuntu kunye neeNzululwazi ngezeNtlalo, kunye neCandelo leNguqu kunye neeLwimi (iDTL) abebekwisihlanu sababhali esithe saphehlelela iincwadi zobugcisa njengendlela yokubhiyozela uSuku loLwimi lweNkobe lwamaZwe ngamaZwe. Oku kwenzeke ngoLwesithathu kwiGatya laseMthatha leYunivesithi iWalter Sisulu.
Umbhali nokwanguMlawuli weCandelwana leeLwimi, uMnu. Sinoyolo Nokutywa uthe, “Silapha namhlanje, size ngeenjongo zokuba sinoxanduva lokuphuhlisa iilwimi zemveli zaseMzansi Afrika. Kunamhlanje sibhiyozela ukuba iDyunivesithi ichonge iilwimi ezintathu esiza kuziphuhlisela ukuba zisetyenziswe ekufundeni, ekufundiseni, ekuhloleni, kuphando, kunxibelelwano nakuyo yonke imiba esebenzisa ulwimi. Ezo lwimi sisiXhosa, isiSutho, kwakunye noLwimi loMjeku.”
OkaNokutywa, ebambisene nomxelengi kwiSebe leeLwimi zesiNtu, uGqirhalwazi Pheliwe Mbatyoti baphehlele incwadi yemibongo, esihloko sithi, ‘Ah! Zwelibanzi! Mabhodl’ebhenguza,’ nencwadi yamabali esihloko singu ‘Imbadu zikaCirha, uDlamini, noMgebe”, nalapho bebambisene nogxa wabo oxelenga kwiYunivesithi yaseFree State, uEnkosi Mondleki.
Lo kaNokutywa uthe, “Bawukuthi ukuze abafundi bafunde, bazingce ngeelwimi zabo, babone abanye besenza loo nto. Kungoku kukho incwadi esiyibhala nabafundi ngoba sifuna nabo bayibone le nto iphilwa phakathi kwabo, bafunde iincwadi ezibhwalwe ngoogxa babo.”
UGqirhalwazi Mbatyoti yena uthe, “Ndifuna abantu bafunde ukuba kubalulekile ukufundisa nokufunda ngolwimi lwabo lenkobe ukuze isizwe ngasinye, kwezaseAfrika, sikwazi ukuqhayisa ngolwimi lwethu lwenkobe ezizweni.”
Uqhube wathi, “Iilwimi zethu singamaAfrika zisenza simanyane kuba sithi sesithetha iilwimi zethu ezahlukileyo, kodwa sikwazi ukuvana, ngoba iilwimi zamaAfrika ziyathungelana.”
Kwakulo msitho, intloko yeSebe yeeLwimi zesiNtu, uGqirhalwazi Yolisa Madolo, naye wazise incwadi yamabali amafutshane ayibhale noNompumelelo Magwane-Mvandaba, uNoxolo Mildred Ngumbela noLulama Dyasi esihloko sithi ‘Imfihlo isebhokisini”, logama umxelengi kwiSebe loPhicotho lobuGcisa neNtlalo, uNksz. Nonceba Mabena ubhengeze eyakhe yamabali amafutshane nemibongo, esihloko sithi ‘Isikhwebu’
Incwadi yesihlanu ethe yaphehlelelwa ibe yinoveli ethi ‘Isizukulwana Esingenalusini’ nebisaziswa ngumbhali wayo, uMam’ uMargaret Majarana waseLibode, nolilungu lombutho wababhali iOR Tambo Writers Association.
Lo msitho ubanjwe xa kanye ilizwe lilungiselela ukubhiyozela uSuku lweHlabathi loLwimi lweNkobe lwamaZwe ngamaZwe, nalapho iBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika yaphawula inyanga yoMdumba njengeNyanga yoPhuhliso lweelwimi jikelele.
Obesisithethi esiphambili kulo msitho ngoyiNgcali yezeMfundo eyiNtloko kuCwangciso lobume beeLwimi zesiNtu, phantsi kwecandelwana lokuFunda noNxibelelwano – kwicandelo leNkqubela kwezeMfundo, kwiSebe lezeMfundo leMpuma Koloni, uMnu. Lumkile Mgxigxwa.
OkaMgxigxwa uthe, “Ubambiswano phakathi kweSebe namaziko emfundo ephakamileyo ngundoqo ngoba sizama ukuba abafundi abaphuma kwibanga leshumi elinesibini baqhutywe befundiswa ngeelwimi zabo zenkobe nakumaziko emfundo ephakamileyo.”
Lo kaMgxigxwa ukwacacise ukuba enye yeenjongo zeSebe kukwandisa abafundi namabanga afundisa umfundi ngolwimi lwakowabo kwimfundo esisiseko kweli phondoi.
By Ongezwa Sigodi