LanguagesLanguages:  

SUKUSINYANZELA NGOLWIMI LWAKHO!

SUKUSINYANZELA NGOLWIMI LWAKHO

Ukunyanzela abantu ukuba banxibelelane ngesiNgesi kwindawo yokusebenza esebenzisa iilwimi ezimbini yenye yemicimbi ebalaseliswe ngumphandi uGqirhalwazi Yolisa Madolo, weWalter Sisulu University.  

Kuphando lwakhe olunesihloko esithi Sukusinyanzela ngolwimi lwakho: Uphando lwemeko yokusebenza kolwimi kwindawo yokusebenza, uMadolo ugxininise ukuba ukukhetha ulwimi kunye nokusetyenziswa kwalo ngumba onameva eMzantsi Afrika, ngakumbi kwizithethi zeelwimi zesiNtu.

Ethetha kwinkomfa yomButho weLingwistiki nokuSetyenziswa kweeLwimi kuMazantsi eAfrika, uMadolo uthe: “Ukuswela ubulungisa ngokweelwimi okwenzeka kwimfundo ephezulu kufuna ungenelelo, kungekuphela nje kurhulumente kodwa ngaphakathi kwamaziko emfundo ephakamileyo ngokwawo. Kukho umkhwa woogxa abathetha iilwimi zalapha ekhaya ekulindeleke ukuba balungiselele wonke umntu othetha isiNgesi nezinye iilwimi. Kwelinye icala akukho nto ingako yenziwayo ukunyanzelisa ukusetyenziswa kweelwimi zalapha ekhaya ngoogxa abathetha isiNgesi okanye ezinye.”

Kule nkomfa, abathunywa bebegwadla beshukuxa iingxaki ezirhangqe ukufundwa nokufundiswa kweelwimi ezikolweni nakumaziko emfundo ephakamileyo. Bekukwakho nabaphandi abashukuxe ukunyevulelwa kwelingwistikhi ngabafundi abantetho isisiXhosa, kuba beyibona njengomnqantsa kwimfundo ephakamileyo. Kuye kwacetyiswana malunga nendlela yokuyenza inike umdla kubafundi. Iingxaki zolwimi kumaziko emfundo ephakamileyo nazo ziye zachotshelwa; ngokunjalo nemigaqonkqubo yeelwimi kumaziko emfundo ephakamileyo namanye amaziko karhulumente. 

Ukucacisa ngakumbi ngemeko yamaziko emfundo ephakamileyo aseMzantsi Afrika, uMadolo uthe: “ingcinezelo inefuthe elibi kumanyathelo okuphuhlisa iilwimi zesiNtu njengeelwimi zonxibelelwano ezisemthethweni zokukufunda, ukufundisa, nophando. Kwaye ke, ayingobantu abathetha isiNgesi abanyanzelisa ukusetyenziswa kwesiNgesi, kodwa zizithethi  zeelwimi zesiNtu ezathi zacinezeleka nezisakubona ingumsebenzi wazo ukuqhuba ivangeli yomcinezeli.”

“Ubukhoboka bolwimi kulapho umntu enyanzelwa ukuba athethe ulwimi oluthile oluthathwa njengolwimi lomcinezeli. Oku kudla ngokuphuma kulawulo lobukoloniyali, apho abalawulwa babevinjwa ilungelo lokuthetha iilwimi zabo, banyanzeliswe ukuba bathethe ezabacinezeli,” unabisile uMadolo.

Eli phepha ligqibe kwelokuba asingabo abacinezeli bangaphambili abanyanzelisa ukusetyenziswa kwesiNgesi kuneelwimi zesiNtu, kodwa ikwazizithethi zezi lwimi ezicinezelanayo, ziqhuba iphulo lomcinezeli wangaphambili; yaye konke oku kufuna ukudilizwa.

By Anita Roji

More Articles

Contact Us

Email Address: This email address is being protected from spambots. You need JavaScript enabled to view it.

Contact Numbers:
Mthatha: 047 502 2100
Butterworth: 047 401 6000
East London: 043 702 9200
Potsdam: 043 708 5200
Chiselhurst: 043 709 4000

Follow us on Social Media

facebook X black insta black youtube black linkedin black linkedin black