LanguagesLanguages:  

UMHLOHLI WASE-WSU UZIMISELE NGOKUPHUHLISA ULWIMI LWESIXHOSA KWEZOBUCHWEPHESHE

 

Ngenjongo zokugulula ubuKoloniyali kwiilwimi zemveli, ingakumbi isiXhosa, umhlohli kwakunye nombhali wesiXhosa, uSinoyolo Nokutywa uzakuthi apapashe izahluko ezithandathu kwincwadi ‘Ulwimi kwezeMfundo, kwiNtlalo-Politiko noLuntu’ ehlelwe nguGqirhalwazi Simthembile Xeketwana kwakunye noNjingalwazi Linda Kwatsha.

Lo kaNokutywa, okwanguye nomphandi wolwimi lwesiXhosa kwiSebe loLawulo noLungiselelo, xa ecacisa ngokuthe kwamchukumisa, uthe: “Ndithunukwa ngamazwi kaGqirha uNomso Mgijima xa esithi “Ziya kuthi ukuze zibe nesidima iilwimi zesiNtu kuphakame abaninizo, bavule amehlo, bakubone ukubaluleka kwazo.”

Lo mbhali uthe, “ndibone isibetho esikhulu kwisizwe soNoqhakankcu xa belibele kukuhamba nolwimi lwesiBhulu kanti ulwimi lwabo luyafa; xa kunamhlanje bancedwa ngoNoqhakankcu bangaphandle ngolwimi lwabo. Ndifunde ukuba ukungalithandi ulwimi lwakho kungadlala igalelo elikhulu ekubulaleni isizwe nesizukulwana esizayo kwaye mna andifuni ukuba ngunobangela wokubhubha kwesizwe, kuba sithi isiXhosa inyathi ibuzwa kwabaphambili, ndakuthini ukuphendula ngomso.”

Ngokombhali, ezi zihlahluko zikwasabela ikhwelo le-Pan South African Language Board (PanSALB) neligxile kwi “International Decade of Indigenous languages 2022-2032”, ngeenjongo zokuhlangabezana nophuhliso lwesigama noncwadi kwizinto zobuchwephesha.

“Kaloku abantu bayakhumbula ukuba namahlanje yonke into iphendula kwikhwelo lezobuchwepetsha nobunzululwazi (4IR). Kwakhona, ndibinza elam igalelo ekuphuhliseni ulwimi lwam lweenkobe kwakunye nelifa lesizukulwana esilandelayo. Kaloku lento iluncwadi kwaNtu endulo phaya ibiyinto ibidluliswa ngomlomo isuka kwisizukulwana ukuya kwesinye isizukulwana,”

Uncwadi lwalomhlohli, okwanguye umphandi, lugxile kuphuhliso lolwimi lwesiXhosa, ukuquka iintsingiselo neenkolelo kaNtu malunga nezilwanyana, ukuthiywa kwamagama eedolophu zeMpuma Koloni kuMzantsi Afrika omtsha, imingeni yokuhlohla isiXhosa kumaziko emfundo aphakamileyo, amava okuhlohla uncwadi lwemveli kwakunye nonxibelelwano kwiziko mfundo enomsila, uphononongo lwesigama esisetyenziswe kwizidanga zeeMastazi nezobuGqirhalwazi, kwakunye nentsingiselo yezithuko nezenyeliso kwaNtu.

Ngokwamazwi ombhali, “Indalo ngokubanzi yenye yezinto ezikufutshane nabantu, izilwanyana zezinye zezinto ezikufutshane kakhulu ebantwini. Abantu abantsundu ngabantu abanobuhlobo obunxulunyaniswa nezilwanyana kungako abantu bakwaJola benxulunyaniswa neenyoka ekuthiwa nguMajola kunjalo nakoHlathi ngabantu abanxulunyaniswa kwakunye neMfene njalonjalo.”

uNokutywa uphinde wathi, “umzekelo, isahluko sezithuko ndizama ukugulula ubuKoloniyali kwakunye nengcinezelo oondlebezikhanya ilanga abaza beziphethele yone, ndikhumbuze indlu kaNtu jikelele ukuba ulwimi lwethu aluzange lubelubi okanye luthuke, not nje lwachatshazelwa ziimeko zexesha lobuKoloniyali nalapho lwabalulwa nje ngolwimi olulumezayo, olukrwada, nolungaphucukanga.”

Lo mbali ubambisene neengcaphephe zolwimi nonxibelelwano, eziquka ooGqirha abakwiSebe loPhicotho lobuGcisa neNtlalo kuleYunivesithi, uYolisa Madolo noPheliwe Mbatyoti, okwiSebe loLawulo noLungiselelo, uSiphenkosi Wayise, owayesakuba ngumhlohli kwiSebe lobuNtatheli, uGqirha uQuatro Mgogo, onguMphathi weLebhu, uRalehoko Refilwe, kwakunye noMlawuli Ophezulu kwiofisi yePanSALB  ephondweni, uXolisa Tshongolo.

Lo mbhali ugxininise wathi akukho Nkwal'iphandel'el'enye, ephandel'enye yenethole, kungoko izifundiswa zomzi ontsundu kufuneka ziphakame, zihambele phezulu ukuze ziphuhlise uncwadi lolwimi lwazo.

Ezi zihloko zizakupapashwa kwincwadi ethi Ulwimi kwezeMfundo, kwiNtlalo-Politiko noLuntu, eyakuthi ipapashwe ngumzi wakwaAfrican SUN Media, nesekelwe kwiYunivesithi yaseStellenbosch.

By Ongezwa Sigodi

More Articles

Contact Us

Email Address: This email address is being protected from spambots. You need JavaScript enabled to view it.

Contact Numbers:
Mthatha: 047 502 2100
Butterworth: 047 401 6000
East London: 043 702 9200
Potsdam: 043 708 5200
Chiselhurst: 043 709 4000

Follow us on Social Media

facebook X black insta black youtube black linkedin black linkedin black